INAKO FM RADIO
Based in Mthatha, Eastern Cape, the station is registered as a non-profit company.
Inako FM is a South African online radio station that offers entertaining programs and rhythmic music, making it a great choice for listeners looking for enjoyable tunes.
29/09/2026
KUFIKWE EZIXHOMILE UMFANA ONGAZIWAYO
MTHATHA- Lityendyana lomfana ongaziwayo ukuba ngubani waphi, ofunyenwe ejinga kumkhukhu wasediphini kwilali yakuSakhela, eMthatha, nceda uqwalasele mzali ukuba basaphelele na abakho abantwana ukuba akunjalo ungandwendwela kwa Forensic nosapho lwakho ukuboniswa umzimba ukuze nifanise okanye uqhagamishelane namapolisa ase Mthatha
28/09/2026
Indoda eneminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) ubudala, ebanjwe ngokunxulumene nokubulawa kwebhinqa elineminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28), yaseThembalethu kulindele ithi muku ubuso kwinkundla kamantyi eGeorge namhlanje ngetyala lokubulala. Amapolisa adize ukuba idokethi lophando lijikwe lalityala lokubulala emva kokuba utyando lomzimba olwenziwe ngoLwesihlanu lubonise ukuba kukho unyawo lwemfene. Umzimba womfikazi wafunyanwa kummandla wamatyotyombe eZone 8, eThembalethu phambi kwentsimbi yesihlanu ngoLwesine ekuseni. Amapolisa athi uphando lwawo kulenyewe luyaqhuba.
28/09/2026
IMOZULU YANAMHLANJE
26/09/2026
UMTHATHA WEST ULAHLEKELWE
MTHATHA- Ufunyenwe sele engasekho owayefudula eyi "Nkosi" kubantu baseMthatha West, uJongisizwe Jonas "JJ" Ndzambule, nowaziwa kakhulu nge stop ekuthi kukwa "JJ" eMandela.Ingxelo idiza ukuba kufikwe sele ewunabele uqaqaqa endlini yakhe phezolo uJJ ukanti isizeka bani asikaziwa.
Lo ka Ndzambule uke waxhuzula imikhala kwiminyaka engaphambili njengebhodi yolawulo kwisikhululo soluntu esigxumeke iintente eMthatha i.UCR FM, ukwavezwe njenge nkokheli ibinomqolo nebiwazi umsebenzi wayo ukanti kuthiwa bazininzi abazuzayo ngexesha lokulawula kwakhe
wanga umoya wakhe ungaphumla ngoxolo, uThixo woxolo amkhanyisele ngokhangiso olungacimiyo 🕯️🕯️🕯️ 🕊️
25/09/2026
NGQELENI- Ufunyenwe sele ebhubhile uZimi Mnguni, uMnguni walahleka ngomhla we-30 kwinyanga ephelelileyo nalapho wagqityelwa edlala kwibala lebhola nabanye abantwana emva koko wabangumntwana oya evenkileni. Ubengumntwana obephila nenkubazeko nobeyinzalelwane yaku Nomcamba eNgqeleni kwa ward 19.
Abahlali, amapolisa nakumakhasi onxibelelwano bekungathulekanga kukhangelwa lentwazana kodwa ekugqibeleni wafumaneka sele engasekho.
Umhlali othethe nelijelo nesilinkonyileyo igama lakhe uthe likhona inyawo lemfene kulento kuba akungomntwana wokuqala ukulahleka kulelali afumaneke ebhubhile, ukhona nomnye umntwana owakhe walahleka wafunyanwa sele engasekho efunyanwa emlanjeni ukwathe indlela ahambe ngayo uZimi iyafana naleya yalamntwana, kungenzeka ukhona lomntu abulala ababantwana kulelali
23/09/2026
🏠🏠 KUNIKEZELWE IZINDLU EZINTSHA EZINGAMA-56 KU-MASIPALA WASEMHLONTLO
Namhlanje, uMEC wezeZindlu zoLuntu ePhondo laseMpuma Koloni, uNksk Siphokazi Lusithi, unikezele ngokusemthethweni izindlu ezingama-56 kubaxhamli baseZibungu Village, phantsi koMasipala waseKumkani Mhlontlo.
Olu nikezelo luyinxalenye yokuzibophelela okuqhubekayo koRhulumente wePhondo ekubuyiseleni isidima ngolwakhiwo oluzinzileyo lwezindlu kunye nokukhawulezisa unikezelo lweenkonzo kwiindawo zasemaphandleni.
Kwiintsapho ebezihlala kwiimeko ezingamkelekanga ngaphambili, ezi zindlu zintsha zingama-56 zizise uvuyo, isiqabu kunye nethemba elitsha, zibanika iindawo ezikhuselekileyo, ezihloniphekileyo nezinobuntu zokuhlala.
Omnye wabaxhamli, uNksk Nqweniso, uvakalise umbulelo wakhe ovela entliziyweni kurhulumente ngokugcina isithembiso sakhe nokuzisa ithemba, isidima nekamva elingcono kusapho lwakhe.
22/09/2026
*ISAZISO SEZENDLELA | INDLELA IVULEKE NGOKUYINXENYE EMVA KWENGOZI YEELORI EZIMBINI*
*IPOLOKWANE* – Indlela uN1 eNyakatho ngaphandle kwePolokwane ivuleke ngokuyinxenye emva kwengozi yeelori ezimbini namhlanje kusasa.
Enye yeelori ezibandakanyekayo yeyakwaSunbake Bakery.
Kubikwa ukuba umqhubi welori ubhajiswe emva kwale ngozi, eyenzeke nje phambi kwe-Esja/Y-junction.
Amagosa ezendlela akhona ngoku kwindawo yengozi elawula ukuhamba kwezithuthi ngelixa amasebe oncedo olungxamisekileyo ejongene nesehlo.
Abaqhubi bayacetyiswa ukuba basondele kule ndawo ngononophelo kwaye basebenzise ezinye iindlela apho kunokwenzeka khona.
22/09/2026
Two suspects involved in the shooting of police officers in Ngolo released on bail
The two suspects linked to the incident in which police officers were shot and killed in Ngolo village, in Libode, at the weekend appeared in the Libode Magistrate's Court yesterday
The suspects are Sheila Nxulu (29), a woman, and Jongikhaya Dlani (29). According to police, the woman, Sheila, faces a charge of being found in possession of an AK-47 r***e and am******on. Jongikhaya, among the charges, faces a charge of being found in possession of am******on.
They were arrested on Saturday during a raid operation by various police units.
They were each released on R1,500 bail. The case has been postponed to 1 December 2026 as investigations continue.
Three other accused were shot dead by police in two separate incidents over the weekend.
Two police officers, Warrant Officer Thando Magoxo (51), who was working at the Mthatha National Intervention Unit, and Constable Ntlahla Tyhali (30), who was working at Mthatha Public Order Policing, were shot and killed during a shop robbery in Ngolo
Provincial police commissioner Lieutenant General Vuyisile Ncata said he commended the police for their work in tracking down the suspects so that they can face the law.
Click here to claim your Sponsored Listing.
Category
Contact the business
Website
Address
Umtata